Amabandla ahlanganayo
Ibandla limi endaweni efanelekileyo ukuba lixhobise kananjalo linoxanduva lokuba sesona simiso esidlala indima enamandla kulomba. Ngexesha apho uMzantsi Africa unengxaki yokunqongophala kweentsapho esinenkathalo kubantwana abakhulayo, ibandla ingaba lilo elidlala indima enkulu yophiliso.
Ibandla linamandla okudala ilali okanye uluntu lwanamhlanje olusondeleyo noluqinisa abazali kunye nabo banikeza iinkonzo yenkathalo. Sele kukhona izinto esizenzayo ngengebandla phakathi koluntu, apho kunokuthi xa sinokuba nenjongo eqondileyo sizibone siluluntu olunamandla okwenza inguqu emandla kwezi ntsapho.
Read in:
Zintathu izinto ezikhuthaza nezibangela amabandla ukuba asebenza ngenjongo kweli xesha libalulekileyo kwisigaba sobomi. Okokuqala, kufanele apha phakathi ebandleni kubekho inkathalo yobufundisi eqonde ngqo kwiintsapho. IBhayibhile isinceda ngokusebenzisa umfanekiso womalusi wezimvu xa ithetha okanye ichaza umfundisi. Njengoko imvu ekhulelweyo idinga inkathalo evela kumalusi, nazo iintsapho ezikwesi sigaba sobomi zidinga inkathalo enenjongo kunye nengqwalasela kwesi sigaba sibuthathaka sobomi. Ngeliswha ke kanye ngeli xesha kanye iintsapho zidinga inkathalo emandla, kungexesha kanye apho zingama lolo khona abantu bechasele okwelanga kubo. Ezintsapho zizibona zingamalolo, angabonwayo kananjalo engenalo uqhagamshelwano nosapho lwakwamoya.
Kukwakho ke nethuba lokwenza umsebenzi wokuthunywa kwebandla. Amaxa amaninzi, iintsapho zifuna uluntu nokuhlangana nabanye abantu abafana nabo ngamava obomi nezinto abajongene nazo. Amabandla anako ukukwenza oku ngempumelelo, ngokuthi asebenzise iinkonzo nezixhobo anazo ngenjongo yokunceda iintsapho kumba weeNtsuku eziliWaka zokuQala ebomini bomntwana. Kufanele siqonde kananjalo ukuba kukho umbandela wobulungisa kule nto. Wonke umntwana elizweni jikelele, udinga inkathalo nokukhuliswa kakuhle ukuze akhule ngendlela efanelekileyo. Ngenxa yemeko yezolo neyanamhlanje eMzantsi Africa, ngaphezu kwesiqingatha sabantwana kwingingqi yethu abasayi kuyifumana lenyweba yokukhuliswa ngendlela ebenza bafikelele kwizinga lempumelelo uThixo abadalele yona. Ilishwa lentsokolo nobuhlwempu obuqhubeka njalo ukusuka kwisizukulwana ukuya kwesi landelayo ziyayihlupha intliziyo kaThixo. Amabandla afumileyo, nalawo anezixhobo, nemali angadlala indima emandla ekuncedeni abantu neentsapho ezingathathi ntweni. Oko angakwenza ngokuthi ahlanganise abantu noncedo, ngokuzisa amathuba kwabo badingayo, ukuze bakhule kananjalo baphuhle.
Ibandla lisendaweni entle kakhulu ukuba lidlale indima kweli candela lobomi. Kukhona izinto ezenziwayo ngamabandla onke ezinokuthi ziguqulwe ingqwalasela yazo ijonge ekuncedeni ngokuhlanganisa iintsapho ezikwesi sigaba sobomi. Ngenjongo nengwqalasela eqonde ngqo, ibandla ekuhlaleni lingaluluntu lwenguqu ukunceda iintsapho, kwiiNtsuku eziliWaka zokuQala kubomi bomntwana. Zininzi izixhobo nezinto ibandla elinazo elinokuthi lizi sebenzise ukwenza oku. Ezi ntathu kuzo zezi: ukusebenzisa ilizwi, uluntu lwebandla, namandla okuhlanganisa abantu.
Ibandla linelizwi elibalulekileyo nelinamandla. Ngumsebenzi walo kakade ukufundisa nokuthetha nabantu ngeenyaniso enzulu ebalulekileyo ngobomi obupheleleyo. Xa linokuthi lisebenzise amaqonga akhoyo onxibelelwano, ibandla lingasebenzisa inyaniso yeBhayibhile nolwazi olunyanisekileyo lwezenzulu-lwazi ukufundisa nokukhuthaza amarhamente malunga nokubaluleka kweeNtsuku eziliWaka zokuQala kubomi bomntwana. Kwe loqonga ibandla lingachaphazela imiba emininzi ukwakha nokwazisa abazali malunga nale miba nemiceli-mngeni yeeNtsuku eziliWaka zokuQala kubomi bomntwana. Usapho lonke luphela lungaziswa ngale miba kusetyenziswa ilizwi. Nanjengo mthathi-nxaxheba othenjiweyo, ibandla lifikelela kulunto olusezidolophini kanti nolo lusemaphandleni.
Ibandla njengo luntu, litsala abantu kwimihlangano yamanani abalekayo kananjalo namanani amakhulu kakhulu. Xa kunokuthi kusetyenziswe ubudlelwane obukhoyo ibandla linako ukumanya abantu kumaqela anobubele okanye amkelayo kubantu apho kufundiswa kuxhotyiswe abantu ngemiba yeeNtsuku eziliWaka zokuQala ebomini. Oku kwenziwe njengomsebenzi wobufundisi nenkathalo kananjalo nokuthunywa kwebandla. Cinga ngendlela elithi ibandla livelele ngayo abo bagulayo-ibandla liyakwazi ukwenza umsebenzi wokuhlangana nabantu bokuhlala. Apha ekuhlaleni kungathi kusetyenziswe izakhono zabantu abakhoyo, nto leyo evelisa amathuba okukhula kananjalo nebandla likhuthaze abantu balo ukuba baphile impilo ebonisa amandla enkolo yabo eluntwini ngokubanzi, nokuba kukuba melwane, emsebenzini, kanti nakwintlangano zoluntu.
Ibandla lingahlanganisa, liququzelele abantu balo ukuba babe ngamagosa enguqu athi acele umngeni kananjalo aguqule iindawo nezinto ngaphakathi nangaphandle ebandleni ukuze noko uqwaseleke ngenyameko umba wokubaluleka kweeNtsuku eziliWaka zokuQala ebomini. Oko kungenziwa ngendlela emandla ukodlula okanye engaphaya kokuba lihlangene lodwa ndawonye. Khawufane ucinge xa abantu emisebenzini benokuthi bahlangane bacele igumbi kubaphathi apho abafazi beza kuthetha ngexabiso lokuncancisa abantwana, kutsho kube lula kubo ukuba bancancise abantwana babo njengoko uThixo wadala ukuba kube njalo. Ibandla lingaququzelela abantu abangamawaka, ukuba babaqwalasele abafazi, bahlangane nabo, baba sikelele ingakumbi kwesi sigaba sobomi babo kananjalo bakhuthaze inguqu edingekayo. Oku kubangela ukuba kunwenwe oko kwenzeka ebandleni kuye ngaphandle ekuhlaleni. Uphando lomzi I ‘Common Good’ lufumanisa ukuba malunga nesixhenxe eshumini senkokheli zebandla alinazo iinkqubo ezijongene nabantwana, omama, okanye ootata kwiiNtsuku eziliWaka zokuQala kobomi babo. Xa sijonga ubomi buka Yesu Krestu phaya ku Luka 18, siyabona ukuba uYesu wazisa abantwana phakathi kwabantu abadala:
15 Ke kaloku baye bezisa kuye neentsana zabo, ukuze azichukumise; bebonile ke abafundi, babakhalimela. 16 Ke yena uYesu wazibizela kuye, wathi, “Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli; kuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo. 17 Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akasayi kukha angene kubo”.
UYesu wakubonisa kwacaca ukuba ‘nabo abantwana abancinci’ babalulekile kuye kananjalo bayayidinga ingqwalasela, uthando nenkathalo yakhe. Ingaba uluntu lwamabandla ethu lunayo na intliziyo nobomi kuka Yesu, obunezandla ezivulekileyo, zokwanga nokusikelela abantwana abancinci. Zininzi iindlela ibandla elinokwenza ngazo ukuzisa abantwana phakathi kwalo, ukuba banikwe ulwazi, kuqisekiswe iindawo eyamkelayo nenobushushu kwiintsapho, apho kukho iinkonzo ezinenkathalo yobufundisi kwesi sigaba, kufundiswe ngokuphandle, kananjalo kuvuyiswane neentsapho ezinabantwana abancinci. Apho kuthi kuxhotyiswe abazali kananjalo kusetyenziswane nabo bantu bathatha inxaxheba yenkxaso kananjalo kuthandazwe nazo okanye ngazo iintsapho. Olu luntu lwale mihla lunobunye nolusondele kwiintsapho luyakuthi lubenefuthe elihle lenguqu enceda abazali ukuba baxhobe njengabantu abanako ukunika abantwana babo inkathalo edingekayo ukuze abantwana bakhule baphumelele ebomini.
Ibandla lingasebenzisa ilizwi lalo, uluntu lwalo, namandla alo okuhlanganisa abantu ukuze lubone isizukulwana esizayo eMzantsi Africa sinesiseko esijonge empumelelweni. Wonke umntwana elizweni jikelele uyakudinga oku; wonke umzali elizweni jikelele uyakudinga oku; kananjalo onke amabandla amele ukuba yinxalenye yoku, nokuba lifumile ibandla okanye liswele, likhulu okanye lincinci, linezixhobo okanye alinazo-linako ukuba yinxalenye yoku. Lonke ibandla naphi na linako ukudala umhlaba ovumayo, wokhuseleko, wothando, nenkathalo okhuthazo uqinisekise kananjalo uxhobise abazali. Sisebenza kunye sinako ukuguqula isimo soMzantsi Africa ngokuthi sinike abantwana belizwe isiqalo esihle nesomeleleyo ebomini.
READ FURTHER
The Big Idea
The great opportunity in The First Thousand Days
Children Thriving
Read how science explains what children need to thrive
Families Caring
Explore the unique challenges families face in this season
Churches Connecting
Read how the church is ideally positioned and equipped to be the village around a family
Like no other, the church has the capacity and mandate to connect and care for parents and caregivers so that they, in turn, can provide responsive care for their little ones.