Ququzelela ibandla lakho

Read in:

Njenge nkokheli yebandla, wena nebandla lakho ningaba yinxalenye yephulo lokunika bonke isiqalo esitsha ebomini.

Ingaba: 

  • ufuna ukubona abantwana basekuhlaleni kwakho bephumelela kananjalo befikelela kwizinga apho uThixo abafuna befikelele kulo? 
  • ufuna ukubona Ibandla lakho lisanga futhi lisikelele abantwana abancinci, njengoko esenza uYesu ku Marko 10:16?
  • ufuna ukubona Ibandla lakho liyi ndawo apho iintsapho ziziva zamkelekile, zikhuselekile kananjalo zihlangene?

Okuzuzayo Njengebandla Elisebenza Ngenkqubo Ye Sikunye:

  • Ukuba yinxalenye yamaphulo oqeqesho axhobisa amalungu aphambili neenkokheli zebandla lakho
  • Ukufumana iinkonzo zenkxaso eziqinisa umsebenzi owenzayo
  • Ukufumana izixhobo kunye nolwazi malunga neziganeko okanye imihlangano ongakwazanga ukuya kuyo
  • Ukuqhagamshelana namanye amabandla asebenza ngale nkqubo

Ukuba ngaba impendulo yakho ngu EWE koku kuthethwe ngasentla, ngoko ke yenza ibandla lakho lisebenze ngale nkqubo

Uyakuthi ucelwe ugcwalise uxwebhu olukunika umfanekiso-ngqondweni obonisa isimo sebandla malunga nokufikeleleka nobubele balo eluntwini ngoku. Uyakuthi ke waziswe malunga neminyadala ezakuthi ibanjwe. Okwangoku, unganako ukufumana izixhobo zokukunceda uqalise ukusebenza nto leyo eyakukukhokhelela kumanqanaba alandelayo.

Ukuba ubukhe wakwenza oko ngaphambili kodwa akuzifumani ngoku izixhobo zakho zokusebenza, cofa apha.