Umbono omkhulu

Siqwalasela ithuba lokukhula elibaluleke kakhulu ebomini eliziiNtsuku eziliWaka zokuQala ebomini. Lifika kubekanye ebomini bomntu eli xesha lokusukela ekukhawulweni komntu esuswini ukuya kwiminyaka emibini, xesha elo elinefuthe elikhulu kwimpumelelo nokuphuhla kobomi bomntu.

Eli xesha lithuba elihle kananjalo lingumngcipheko omkhulu. Ngaphezu kwesiqingatha (50%) sabantwana eMzantsi Afrika (yiba nombono wesigidi sabantwana abazalwayo ngonyaka) sizalwa Phantsi kweemeko ezinzima ntoleyo ebangela kubenzima ukufumana inkathalo abayidingayo ukuze baphuhle ebomini babe yile nto uThixo abadalele ukuba babeyiyo benekamva eliqaqambileyo. Yintswela-bulungisa ke leyo.

Read in:

Ukuze abantwana baphuhle kwiiNtsuku eziliWaka zokuQala, badinga izinto ezisisiseko zokubakha apho noko kukho umntu omdala onothando, nobudlelwane obuliqima nenkathalo. Abantu abamnika ezi zinto ngamalungu osapho nabo banenkathalo.  Obu budlelwane buluqilima busisiseko sazo zonke iintlobo zenkathalo azidingayo umntwana.

Ukuze iintsapho zibenekathalo ngolu hlobo, badinga uluntu olusondeleyo, lubomeleze, luba xhase, kananjalo lubakhuthaze. Ukukhulisa umntwana kunzima kungoko abazali bedinga inkxaso, inkuthazo nokuqinisekiswa ngokubaluleka.

Ibandla luluntu oluhlangeneyo (lufana nelali yale mihla) olukwaziyo ukuqhogana luxhase iintsapho. Linako ukwenza unako-nako ukomeleza abazali nokwakha isakhono sabo sokujonga izidingo zabantwana, babanakekele kwelixesha libaluleke kangaka ebomini.

Siyakholwa ukuba ibandla ngalinye ekuhlaleni likwindawo ekhethekileyo kananjalo lixhotyiselwe ukwenza umahluko omkhulu kwiintsapho nakwinkathalo eziyinika abantwana bazo.

Umbono omkhulu we Sikunye kukuba amabandla onke eMzantsi Afrika uphela aqhogane neentsapho azixhase ukuze zixhobele ukunika abantwana bazo inkathalo abayidingayo ukuze nesi siseko sempumelelo yabo ebomini.

Umbutho wezeMpilo weHlabathi (*World Health Organization), Umbutho weNgxowa-mali yabantwana weZizwe ezimanyeneyo (United Nations Children’s Fund), neBhanki yeHlabathi (World Bank Group). Ukukhathalelwa kokuphuhla kobomi obuselula: zintsika zokunceda abantwana ukuba baphuhle baphumelele kananjalo kusetyenzelwa inguqu kwimpilo namandla okuphila koluntu.  Geneva: World Health Organisation; 2018.